1 Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uZakariya ngomhla wesine kwinyanga yethoba uKislevu, kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uDariyo.
2 Abantu baseBhetele bathumela uSherezere noRegem-meleki namanye amadoda ukuba baye endlwini kaNdikhoyo, bathandazele intsikelelo kaNdikhoyo,
3 babuze kubabingeleli bendlu kaNdikhoyo onamandla onke *nakubashumayeli, bathi: “Ngaba kusafuneka siqhubele phambili silile, sizile nokutya na, nangale yesihlanu inyanga, njengoko siqhele ukwenza iminyaka ngeminyaka?”
4 Ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lafika kum lisithi: