1 Nalu udaba olindilisekileyo,nditsho ilizwi *likaNdikhoyoelichasene nelizwe laseHadraki.Lona luya kuyifikela iDamasko,kuba kaloku amehlo kaNdikhoyo akuluntu lonke,nkqu nazo zonke izizwe zikaSirayeli.
2 Luza kuyifikela iHamati esemideni,lutsho kwiTire neSidon,nangona zilumkile kakhulu.
3 ITire yona izakhele inqaba.Isiliva iyifumbe ngathi luthuli,igolide ngathi yinkunkuma yesitalato.
4 UNdikhoyo uza kuyohlutha yonke into enayo,awaphelise amandla enawo elwandle.Yosuka ilenywe ngumlilo.
5 IAshkelon yobona inkwantye,iGaza izibhija-bhije ikhwina ziintlungu.Nethemba le-Ekron ngokwayo lovuthuluka.IGaza yona yophulukwa yikumkani yayo,iAshkelon itsho ilil' ibhungane.
6 IAshdode yomiwa yimigqakhwe;ndolinqamla ikratshi lamaFilistiya.
7 Ndiya kuyihlutha inyama enegazi emilonyeni yabo,ndiyikhuphe phakathi kwamazinyo abo inyama engumnikelo kwizithixo.Amasalela abo oba ngakaThixo wethu,abe ngathi yenye yezindlu zikaJuda,iEkron yona ifane namaJebhusi.