6 IAshdode yomiwa yimigqakhwe;ndolinqamla ikratshi lamaFilistiya.
7 Ndiya kuyihlutha inyama enegazi emilonyeni yabo,ndiyikhuphe phakathi kwamazinyo abo inyama engumnikelo kwizithixo.Amasalela abo oba ngakaThixo wethu,abe ngathi yenye yezindlu zikaJuda,iEkron yona ifane namaJebhusi.
8 Ndoyikhusela indlu yam kumkhosi oyayo nobuyayo,kungabi sabakho mbandezeli odlula phakathi kwabo.Kaloku bajongwe ndim ngoku.
9 Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,ethobekile, ekhwele idonki,nditsho ithole, inkonyane yedonki.
10 Ndiya kuzohlutha iinqwelo zokulwa kwaEfrayim,namahashe emfazwe eJerusalem,ke lona utolo lwemfazwe ndiluvikive.Ukumkani wovakalis' uxolo ezizweni,ulawulo lwakhe loziqhakamishel' iilwandle;luya kusuka kumlambo iEfrati,luye kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.
11 Ke nina okunokwenungenxa yegazi lomnqophisondobakhulula abantu bakowenu abangamabanjwa,baphume emhadini ongenamanzi.
12 Buyelani kuyo inqaba, nina mabanjwa anikwe ithemba.Namhlanje ndiyanazisa:ndonibuyisela ngokuphindiweyo.