14 nide niziqonde ngokupheleleyo. Kaloku noba nebhongo ngathi kwanjengoko nathi siya kuba nebhongo ngani ngeMini yeNkosi uYesu.
15 Kangangokuba ndandiqinisekile ngalo mbandela ndazimisela ukuba ndinityelele, ukuze nina nibe sethamsanqeni lokuba ndinihambele kabini.
16 Kaloku ndandizimisele ukuba ndinityelele kabini, xa ndiyayo naxa ndibuyayo eMakedoni, nize ke nina nindisize kuhambo lwam oluya kwelakwaJuda.
17 Ngaba ke ndafana ndasijika nje esi sicwangciso? Ngaba xa ndicwangcisayo ndenza nje ngokuzithandela, ndilungele ukuthi ewe okanye hayi ngokuthanda kwam?
18 Njengokuba uThixo enyanisekile, umlomo wam kuni wawungenguye uewe nohayi ombaxa.
19 UNyana kaThixo, uYesu Krestu lo washunyayelwa kuni nguSilas noTimoti nam, akathi ewe-hayi, hayi-ewe, ngaxesha-nye. Endaweni yaloo nto unguewe kaThixo.
20 Unguewe kaThixo kuzo zonke izithembiso zakhe. Yiyo ke loo nto simdumisa uThixo sisithi “*Amen” ngaye uYesu Krestu.