14 Kaloku siyazi ukuba uThixo owayivusayo iNkosi uYesu ekufeni, nathi uya kusivusa kunye noYesu, asise apho akhoyo, kunye nani.
15 Ewe, zilungiselelwe nina zonke ezi zinto, ukuze kuthi njengoko bebaninzi abenzelwa isisa, ngokunjalo nemibulelo ibe mininzi, kudunyiswa uThixo.
16 Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala.
17 Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.
18 Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.