3 Anditsho kuba ndifuna kunibeka bala nganto. Senditshilo kakade ukuthi nina nisenyongweni kum – mna nani sofa kunye.
4 Ndinithembe gqitha, yaye ndinebhongo ngani, kangangokuba kubo bonke ubunzima endinabo ndisuka ndizive ndisomelezeka, ndiphuphuma luvuyo.
5 Andizange ndaba nakuphumla konke-konke, naxa sendifikile eMakedoni. Kwakuziingxabano apho, ngapha nangapha; ndabe ke mna ndinxunguphele.
6 Kodwa, uThixo obomelezayo abadakumbileyo, wandivuselela ngokufika kukaTito.
7 Akubanga kukufika kwakhe nje kodwa, koko nengxelo yakhe ngokumphatha kakuhle kwenu nimkhuthaza, nayo yandivuselela. Wandixelela nokuba anisanqweni ngako ukundibona, nokuba nilusizi, nifuna nokundilwela. Ndonwabe ngakumbi ke ngaloo nto.
8 Xa ndinixelela inyaniso, nokokuba laa ncwadi ndanibhalela yona yanenza buhlungu, andisevi kakubi mna yiloo nto ngoku. Kaloku ndiphawule ukuba naba buhlungu yiyo, nokuba kokwexeshana nje.
9 Kodwa ndiyavuya ngoku – phofu ingekuko kuba ndanivisa ubuhlungu, koko ikukuba intlungu yenu yanibangela inguquko. Intlungu yenu ibe yinto esuke yasetyenziswa nguThixo; ngoko ke andinenzakalisanga.