3 Nakuba wayengumGrike, uTito owayenam zange anyanzelwe ukuba aluke,
4 nangona amadoda athile azenza amakholwa angenelela, aza afuna ukuba makalùswe. Aba bantu bangena ngokunyebelezela, befuna ukuhlola le nkululeko sinayo kubudlelane bethu noKrestu, befuna ukusenza amakhoboka.
5 Kambe asizange sibaqhelisele nakancinane, khon' ukuze sinigcinele inyaniso yeendaba ezimnandi ingenabala.
6 Kodwa ke abo baziinkokheli ezaziwayo – nditsho kuba into abayiyo ayenzi mahluko kum, kaloku uThixo yena akasebenzi ngembonakalo – ndithi ke ezo nkokheli zange zifumane sikhwa kum.
7 Ndaweni yaloo nto zayamkela into yokuba uThixo undiphathise uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi ezintlangeni, kwanjengokuba noPetros ephathiswe uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi kumaJuda.
8 Kaloku amandla kaThixo andenza *ndangumthunywa ezintlangeni, kanye ngale ndlela uPetros wenziwa ngayo wangumthunywa kumaJuda.
9 UYakobi noPetros noYohane ababesaziwa njengezona ntsika, bayivuma into yokuba uThixo undibizele kulo msebenzi, ngoko ke basibamba isandla sinoBharnabha. Savumelana ke ukuba sisebenzisane; thina sisebenze phakathi kweentlanga, bona ke phakathi kwamaJuda.