4 Ngaba izigigaba ezinjengezi naba nazo zafumana zabakho? Ngenene azizange zifane zehle nje!
5 Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
6 Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ngoAbraham ukuthi yena wakholwa kuThixo, waza ke uThixo wamenza ilungisa ngenxa yokukholwa kwakhe.
7 Nize niqaphele ke ukuba ngâbo bakholwayo abayinzala ka-Abraham ngenene.
8 IziBhalo zona kwangaphambili zakuphawula ukuba uThixo wozenza amalungisa iintlanga ngokukholwa. Zazivakalisa iindaba ezimnandi kuAbraham zisithi: “Ngawe uya kuzithamsanqelisa zonke iintlanga uThixo.”
9 Wakholwa ke uAbraham, waza uThixo wamthamsanqelisa. Ngokunjalo ke bonke abakholwayo banenxaxheba kwintsikelelo ka-Abraham.
10 Kanti ke abo bakholose ngokuthobela umthetho baqalekisiwe. Kaloku iziBhalo zithi: “Uqalekisiwe nguThixo lowo ungakuzondeleliyo ukuzithobela zonke iindawo ezisencwadini yomthetho!”