25 Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
26 Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu.
27 Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo.
28 Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu.
29 Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo.
30 Kaloku siyamazi lowo wathi:“Impindezelo yeyam;ndim oya kubuyekeza.”Kwakhona uphinda athi:“INkosi iya kubagweba abantu bayo.”
31 Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo!