35 Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu.
36 Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe.
37 Kaloku zithi *iziBhalo:“Kusasele umzuzwana njeaze lowo uzayo afike, angalibazisi.
38 Kambe ke yena olungisayo uya kuphila ngokholo;kodwa ke ukuba uthe warhoxa, andiyi kumkhathalela.”
39 Phofu ke thina asingabo abo barhoxayo baze balahleke, koko singabo baya kudla ubomi kuba bethembele kuThixo.