12 Yiyo ke loo nto kuthe kwindoda enye, naxa yayiselifana nofileyo nje kukwaluphala, kwavela inzala ebuninzi bungangeenkwenkwezi, ingenakubalwa okwentlabathi elunxwemeni lolwandle.
13 Bonke aba bantu bafa benokholo. Babengekazixhamli iziqhamo zesithembiso. Kodwa naxa zazikude babezibona, bezilangazelela, bevuma ukuba bona baziindwendwe nje ezidlulayo kweli lizwe.
14 Abantu abenjenje ukuthetha kucace mhlophe ukuba bafuna elakowabo,
15 bengalikhumbuli ilizwe abalishiyileyo. Kaloku ngebabebuyele ukuba kwakunjalo.
16 Koko sibabona benxubele ilizwe elihle – izulu. Yiyo ke loo nto angenazintloni uThixo xa kuthiwa unguThixo wabo; kaloku ubalungiselele isixeko.
17 Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake akuvavanywa nguThixo. Lo Abraham zazenziwe kuye izithembiso, nguye kanye lo wayeselemnikela unyana okwakukuphela kwakhe;
18 lo kanye kwakuthiwe ngaye: “Inzala yakho yokwaziwa ngomlibo kaIsake.”