1 Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.
2 Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.
3 Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi.
4 Kuba kaloku kulo mzabalazo wokulwa isono anikazingisi kude kuphalale igazi.
5 Ngaba seniyilibele na indlela anikhuthaza ngayo uThixo ngokoonyana, esithi:“Nyana wam, sukuyidela ingqeqesho yeNkosi;futhi sukutyhafa yakukululeka.
6 Kuba iNkosi iyabaqeqesha abo ibathandayo,ize imohlwaye unyana owamkelekileyo kuyo.”