12 apho athi:“Ndolivakalisa, Thixo, igama lakho kubantakwethu;ndikudumise esidlangalaleni sabantu bakaThixo.”
13 Uphinda athi:“Ndilibeka kuThixo ithemba lam;”aze aphinde athi:“Ndim lo, ndikunye nabantwana andinike bona uThixo.”
14 Abantwana ke abo ngabantu. Naye ke uYesu waba ngumntu njengabo, khon' ukuze ngokufa kwakhe atshitshise igunya likaSathana lokuvuyelela abantu ngokufa.
15 Ngale ndlela ke wabakhulula abantu nakwiimbophelelo zokoyika ukufa ababephantsi kwazo bonke ubomi babo.
16 Ke aba abancedayo asizozithunywa zezulu, ngabantu abayinzala ka-Abraham.
17 Ngoko ke ubemele ukuba afane nqwa nabantakwabo, khon' ukuze abe ngumbingeleli onovelwano nothembekileyo emsebenzini kaThixo, onako ukungxengxezela izono zabantu.
18 Kaloku yena nanjengamntu oselephumelele ebunzimeni bokulingwa, unako ukubanceda abo basalingwayo.