9 Nanku ke kodwa uYesu. Yena wabekwa ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zikaThixo. Ngoku uthiwe jize ngesihomo nesithozela, kuba ngenxa yesisa sikaThixo wavuma ukufa ngenxa yoluntu lonke.
10 Njengoko ke uThixo, ezikholo yena, zikho ngaye zonke izinto, ethande ukubanika iwonga abantwana bakhe abaninzi, bekufanelekile ukuba amsulungekisele ubunkokheli ngokuva ubunzima uYesu, lowo wayeza kubakhokelela elusindisweni.
11 Kaloku lowo ukhaphela kuThixo kwanabo bakhatshelwayo ngabamlibo mnye. Yiyo ke le nto uYesu angenazintloni ukuthi abantu ngabantakwabo
12 apho athi:“Ndolivakalisa, Thixo, igama lakho kubantakwethu;ndikudumise esidlangalaleni sabantu bakaThixo.”
13 Uphinda athi:“Ndilibeka kuThixo ithemba lam;”aze aphinde athi:“Ndim lo, ndikunye nabantwana andinike bona uThixo.”
14 Abantwana ke abo ngabantu. Naye ke uYesu waba ngumntu njengabo, khon' ukuze ngokufa kwakhe atshitshise igunya likaSathana lokuvuyelela abantu ngokufa.
15 Ngale ndlela ke wabakhulula abantu nakwiimbophelelo zokoyika ukufa ababephantsi kwazo bonke ubomi babo.