14 Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.
15 *IziBhalo xa zisithi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube,”
16 zibhekisa kubani? Ngoobani abo bevayo kodwa bagwilika? Kaloku ngabo babephuma eJiputa bekhokelwa nguMosis.
17 Ingoobani abo bamcaphukisayo iminyaka engamashumi amane uThixo? Ngokuqinisekileyo ngabo bonayo, abazidumbu zathi waca entlango.
18 Ngoobani abo wabafungelayo uThixo esithi abasoze bangene ekuphumleni kwakhe? Wayexela abo bamvukeláyo.
19 Siyabona ke ukuba ababanga nako ukungena kuba bengakholwa.