1 Ngoko ke lumkani, hleze abanye benu baphoswe, kuba sisemi kaloku isithembiso sokungena ekuphumleni noThixo.
2 Kaloku nathi iindaba ezimnandi sizivile, kanye njengabo. Kodwa bona olu daba alubenzelanga nto, kuba abo baluvileyo abalwamkelanga ngokholo.
3 Kambe ke thina sikholwayo, singabo bangenayo koko kuphumla kuxelwayo xa kusithiwa:“Ndithe ke ngomsindo ndafunga ndathi:‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”Ke wona umsebenzi wakhe uThixo wayesele wawugqiba kwasekusekweni kwehlabathi.
4 Zixela loo nto ke iziBhalo xa zithetha ngomhla wesixhenxe zisithi: “UThixo waphumla ngomhla wesixhenxe akugqiba ukudala.”
5 Ndiyaphinda ndithi umxholo esithetha ngawo uthi: “Abasoze bangene ekuphumleni.”
6 Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo.