1 UMelkizedekiNdum 110:4 lo ke wayengukumkani waseSalem, engumbingeleli kaThixo uPhezukonke. UAbraham wathi evela edabini apho wayoyise ookumkani, wadibana noMelkizedeki owasuka wamsikelela.
2 Ke yena uAbraham wamnika isishumi sawo onke amaxhoba. Eli gama linguMelkizedeki lithetha “ukumkani wobulungisa”. Kanti ke futhi ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi “ukumkani woxolo”.
3 UMelkizedeki lo ke akanayise nanina, namlibo wakuzalwa. Asaziwa isiqalo nesiphelo sobomi bakhe. Ufana noNyana kaThixo: uhlala engumbingeleli nanini-nanini.
4 Kucacile ke ukuba mkhulu, kuba nokhokho wethu uAbraham wanikela isishumi samaxhoba kuye.
5 Isizukulwana sikaLevi esingababingeleli siyagunyaziswa ngumthetho ukuba sithathe isishumi ebantwini, oko kukuthi kumawabo, nangona nawo ekwayinzala ka-Abraham.
6 UMelkizedeki akayiyo inzala kaLevi, kodwa nakuba kunjalo wathatha isishumi kuAbraham, waza wamsikelela; ngoko ke wasikelela umntu owanikwa izithembiso nguThixo.