2 Ke yena uAbraham wamnika isishumi sawo onke amaxhoba. Eli gama linguMelkizedeki lithetha “ukumkani wobulungisa”. Kanti ke futhi ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi “ukumkani woxolo”.
3 UMelkizedeki lo ke akanayise nanina, namlibo wakuzalwa. Asaziwa isiqalo nesiphelo sobomi bakhe. Ufana noNyana kaThixo: uhlala engumbingeleli nanini-nanini.
4 Kucacile ke ukuba mkhulu, kuba nokhokho wethu uAbraham wanikela isishumi samaxhoba kuye.
5 Isizukulwana sikaLevi esingababingeleli siyagunyaziswa ngumthetho ukuba sithathe isishumi ebantwini, oko kukuthi kumawabo, nangona nawo ekwayinzala ka-Abraham.
6 UMelkizedeki akayiyo inzala kaLevi, kodwa nakuba kunjalo wathatha isishumi kuAbraham, waza wamsikelela; ngoko ke wasikelela umntu owanikwa izithembiso nguThixo.
7 Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo.
8 Ngokwesiko lababingeleli izishumi zithathwa ngabantu abafayo, kanti ke yena uMelkizedeki uthathe izishumi engongqinelwa *naziziBhalo ukuba ungophilayo.