14 ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
15 Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.
16 Ke, apho kukho umyolelo kufuneka icace into yokuba umyoleli ufile.
17 Kaloku umyolelo awusebenzi xa esaphila umyoleli; kuphela usebenza akuba efile.
18 Seso sizathu ke esabangela ukuba nowokuqala umnqophiso usungulwe ngegazi.
19 UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu,
20 esithi: “Eli ligazi lomnqophiso aniwisele wona uThixo.”