5 Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.
6 Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi.
7 Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo.
8 Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini.
9 Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo.
10 Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile.
11 Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni.