9 Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.
10 Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yalùswe; nalùswe inyama yokwalùswa;
11 oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.
12 Unyana omihla isibhozo makalùswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.
13 Makalùswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.
14 Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwalùswa ingalùswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; úwaphúle umnqophiso wam.
15 Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi;* igama lakhe loba nguSara.*