1 UYehova wabonakala kuye eMiokini* kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini.
2 Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwakhawulela, esuka emnyango wentente.
3 Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.
4 Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;
5 ndíthabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.
6 Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha* ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.
7 Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.