5 UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram,* umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.
6 UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan;
7 noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadanaram.
8 Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;
9 wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.
10 Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.
11 Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belitshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.