7 noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadanaram.
8 Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;
9 wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.
10 Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.
11 Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belitshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.
12 Waphupha ebona ileli, imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;
13 nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho;