31 UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali.
32 Wamitha ke uLeya, wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen,* ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam; inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.
33 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika naló; wamthiya igama elinguSimon.*
34 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.*
35 Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yoko wamthiya igama elinguYuda.* Wanqamka ukuzala.