14 Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, ùqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho ziné, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.
15 Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.
16 Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.
17 KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, úqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; ùya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.
18 Úya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, ùdle umfuno wasendle.
19 Ùya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba ùluthuli, ùya kubuyela kwaseluthulini.
20 UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva,* ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.