25 Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo.
26 Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenzé kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.
27 Kwathi, ngexesha lokuzala kwakhe, nanku ingamawele esizalweni sakhe.
28 Kwathi, ekuzaleni kwakhe, kwavela isandla; wathabatha umzalisikazi, wabopha esandleni salo usinga olubomvu, esithi, Eli laphuma kuqala.
29 Kuthe ke, lakusibuyisa isandla salo, nanko kuphuma umzalwana walo. Wathi, Yini na ukuba uzityhobozele? Wathiywa ke igama lokuba nguPeretse.*
30 Kwathi emva koko, kwaphuma umzalwana walo, obenosinga olubomvu esandleni sakhe; wathiywa igama lokuba nguZera.*