13 Wathi uKayin kuYehova, Ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.
14 Yabona, ùndigxothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule, ndiphalaphale ehlabathini; bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.
15 Wathi uYehova kuye, Xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.
16 Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.
17 UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wákha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.
18 UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.
19 ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.