4 Ukuba ùthe wamthuma umninawa wethu nathi, sohla siye kukuthengela ukudla.
5 Ukuba akuthanga umthume, asiyi kuhla; kuba indoda leyo yathi kuthi, Àniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.
6 USirayeli wathi, Yini na ukuba nindenzele ububi, niyixelele indoda leyo ukuthi, nisenomninawa?
7 Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na? Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?
8 UYuda wathi kuSirayeli uyise, Mthume nam umfana, sisuke sihambe, siphile, singafi thina, nawe, nabantwana bethu.
9 Mna ndiya kummela, wòmbiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.
10 Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.