14 Wafika uYuda nabazalwana bakhe endlwini kaYosefu; ubesekhona yena.
15 Bawa phambi kwakhe emhlabeni. UYosefu wathi kubo, Sisenzo sini na esi nisenzileyo? Beningazi na ukuba indoda enjengam nje ibingahlaba izihlabo?
16 UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe.
17 Wathi, Makube lee kum ukwenza loo nto; indoda efunyenwe esandleni sayo indebe, yiyo eya kuba sisicaka kum; ke nina nyukani nixolile, niye kuyihlo.
18 UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zenkosi yam; mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena.
19 Yababuza inkosi yam abakhonzi bayo, isithi, Ninoyihlo na?
20 Ninomninawa na? Sathi thina enkosini yam, Sinobawo ixhego, nomntwana wobuxhego bakhe omncinane; umkhuluwa wakhe wafa, yena usele yedwa kunina, uyise uyamthanda.