1 Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesiné emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona.
2 Ngemibono kaThixo wandisa ezweni lakwaSirayeli elo, wandibeka entabeni ephakamileyo kakhulu; phezu kwayo kwanga sisakhiwo somzi ngasezantsi.
3 Wandisa khona: nanko umntu, okubonakala kunjengokubonakala kobhedu, ephethe intsontelo yeflakisi* ngesandla, nengcongolo yokulinganisa;* waye ke emi esangweni.
4 Wathetha nam loo mntu, wathi, Nyana womntu, khangela ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, ugqale ngentliziyo yakho zonke izinto endikubonisa zona; ngokuba uziswé apha ukuze uboniswe. Xelela indlu kaSirayeli konke okubonayo.
5 Nanko ke, kukho udonga ngaphandle kwendlu, olujikelezileyo ngeenxa zonke, isesandleni somntu lowo ingcongolo yokulinganisa, iziikubhite* ezintandathu, iyileyo iyikubhite enobubanzi besandla. Wabulinganisa ububanzi besakhiwo; baba yingcongolo enye, ukuphakama kwayingcongolo enye.
6 Waya esangweni elibheke empumalanga, wenyuka ngezinyuko zalo, walinganisa omnye umbundu wesango; waba yingcongolo enye ububanzi, omnye umbundu ke wokuqala wayingcongolo enye ububanzi.
7 Negumbi lokulinda laba yingcongolo enye ubude, layingcongolo enye ububanzi; phakathi kwamagumbi okulinda zaziikubhite ezintlanu; umbundu wesango, ongasevarandeni* yesango enganeno kwayo indlu, wayingcongolo enye.