2 Waphuma nam ngendlela yesango langasentla, wandijikelezisa ngendlela engaphandle, wandísa esangweni elingaphandle, ngendlela yelibheké empumalanga; nango, amanzi equkuqela, evela ecaleni lokunene lesango.
3 Ekuphumeni komntu obephethe ulutya lokulinganisa ngesandla, esiya ngasempumalanga, walinganisa iwaka leekubhite;* wandiweza emanzini, amanzi abetha emaqatheni.
4 Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha emadolweni. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha esinqeni.
5 Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.
6 Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu?Wandihambisa, wandibuyisa phezu kodini lomlambo lowo.
7 Ekubuyeni kwam, nanko kukho eludinini lomlambo imithi emininzi kunene, ngapha nangapha.
8 Wathi kum, La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi éle elwandle, aphiliswe amanzi alo.