8 Wathi kum, La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi éle elwandle, aphiliswe amanzi alo.
9 Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba efikile khona la manzi, ophiliswa lawa; iphile yonke into ofike kuyo umlambo lowo.
10 Kothi ke kumè ababambisi beentlanzi phezu kwawo, bathabathele e-En-gedi, bade baye e-En-heglayim, indawo yokwaneka iminatha; ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zolwandle olukhulu, ukuba zìninzi kunene.
11 Ke imigxobhozo yalo, namadike alo, akayi kuphila; aya kunikelwa ekubeni mtyuba.
12 Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.
13 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwo lo umda, eniya kuzabela ngawo ilizwe, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zikaSirayeli; uYosefu woba namacandelo amabini.
14 Ilizwe niya kulidla ilifa, elowo alidle njengowabo; ngokuba ndaphakamisa isandla sam sokuba ndilinike oyihlo; lowela kuni eli lizwe ngokwelifa.