2 Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala. Úya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye.
3 Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?
4 Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi.
5 Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.
6 Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi;* uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe.
7 Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi.
8 Izigánga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.