5 Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.
6 Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi;* uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe.
7 Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi.
8 Izigánga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.
9 Kususela kwimihla yaseGibheha, Sirayeli wóna; bahlala khona; akubafikelanga eGibheha ukulwa noonyana bobugqwetha.
10 Ndiya kubathethisa ke ngokomnqweno wam, zibahlanganyele zonke izizwe, ekubotshelelweni kwabo ebugwenxeni babo bobubini.
11 UEfrayim lithokazi eliqeqeshiweyo, elithanda ukubhula; mna ke ndibeke idyokhwe entanyeni yalo entle. Ndiyamtsalisa uEfrayim; uYuda uya kulima; uYakobi uya kuziqwakanisela.