18 Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo* lowo?
19 Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuthi ungankwantyi phambi kwam; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
20 Ngokuba kususela kwakude, ùyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.
21 Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; ùtheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongeguwo kum?
22 Ùngafanelana uzihlikihla ngesoda, wathabatha isepha eninzi: ubugwenxa bakho buhleli budyobhekile phambi kwam; itsho iNkosi uYehova.
23 Ùngáthini na ukuthi, Andizenzanga inqambi, andibalandelanga ooBhahali? Yibone indlela yakho emfuleni lowo, ukwazi okwenzileyo, wena mazi yenkamela enamendu, etshobela ngapha nangapha;
24 mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.