31 Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kúngathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, àsizi kuwe?
32 Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.
33 Ùyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.
34 Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.
35 Ukanti ùthi ke, Ndimsulwa, ewe, umsindo wakhe ubuyile kum. Yabona, ndiya kumangalelana nawe ngenxa yokuba usithi, Andonanga.
36 Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.
37 Nakuyo leyo uya kuphuma, zísentloko izandla zakho; ngokuba uYehova uya kubacekisa okholose ngabo, ungabi nampumelelo ngabo.