1 Ke kaloku, kwathi ngaloo mnyaka, ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesiné, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya unyana ka-Azure, umprofeti waseGibheyon, endlwini kaYehova, emehlweni ababingeleli nabantu bonke, esithi,
2 Utshilo uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndiyayaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
3 Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli.
4 Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abayé eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
5 Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, emehlweni ababingeleli, nasemehlweni abantu bonke abemiyo endlwini kaYehova: