5 Utshilo ke uYehova ukuthi, Sìvé izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo.
6 Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?
7 Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kuYakobi; ke úya kusindiswa kuyo.
8 Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;
9 bakhònze uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo, endiya kubavelisela yena.
10 Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.
11 Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingàthi umsulwa kwakanye.