1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngomnyaka weshumi kaZedekiya ukumkani wakwaYuda; loo mnyaka ke ngumnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare.
2 Oko ke impi yokumkani waseBhabheli ibiyingqingile iYerusalem, uYeremiya umprofeti evalelwe ente ndelezweni yentolongo, yendlu yokumkani wakwaYuda.
3 Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Útsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
4 angàsindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; úya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthèthe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;
5 amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.