1 Kwathi, ngomnyaka wesiné kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lafika eli lizwi kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,
2 Thabathela kuwe incwadi esongwayo, uwabhale kuyo onke amazwi endawathetha kuwe ngamaSirayeli, nangamaYuda, nangeentlanga zonke, kususela kwimini endathethayo kuwe, uthabathele emihleni kaYosiya, ude uze kule mini.
3 Mhlawumbi indlu kaYuda ingábuphulaphula bonke ububi endicinga ukubenza kubo, ukuze babuye elowo endleleni yakhe embi, ndibuxolele ubugwenxa babo nesono sabo.
4 UYeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wawabhala encwadini esongwayo uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi kaYehova, awawathethayo kuye.
5 UYeremiya wamwisela uBharuki umthetho, esithi, Mna ndivalelwe, andinako ukuya endlwini kaYehova.
6 Yiya wena, uwalese encwadini esongwayo, leyo uyibhalileyo, ephuma emlonyeni wam, amazwi kaYehova, ezindlebeni zabantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; uwalese nasezindlebeni zamaYuda onke, avela emizini yawo.