10 Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlútha; utsho uYehova.
11 Nàkuba nivuya njalo, nàkuba nidlamkile, baphangi belifa lam, nàkuba nidloba njengethokazi elibhulayo, nilila njengeembalasane zamahashe:
12 úya kudana kakhulu unyoko; úya kuba neentloni onizalayo. Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi.
13 Ngenxa yoburhalarhume bukaYehova ayisayi kumiwa; kuya kuba senkangala kuyo yonke iphela. Bonke abadlulayo eBhabheli baya kumangaliswa, benze umsondlo ngenxa yokubethwa kwayo konke.
14 Yakheleni uluhlu iBhabheli ngeenxa zonke, nonke batyedi besaphetha; tolani kuyo, ningashiyi lutolo; ngokuba yonile kuYehova.
15 Dumani ngayo ngeenxa zonke; iziníkele; ziwile iingqoqo zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova. Phindezelani kuyo; njengokwenza kwayo, yenzani kuyo.
16 Nqumlani umhlwayeli eBhabheli, nophethe irhengqa ngexesha lokuvuna. Ngenxa yekrele elidlavulayo elowo ubheka ebantwini bakowabo, elowo usabela ezweni lakowabo.