2 Ke uSolomon wathetha noSirayeli ewonke, iingqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka nalikhulu, abagwebi, nawo onke amadoda aphambili kwaSirayeli kunye neenkulu zezindlu.
3 Yena uSolomon nebandla lonke baya endaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon, kuba kaloku yayilapho intente *yesibingelelo yokuhlangana noThixo, leyo yayenziwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo entlango.
4 Kaloku yena uDavide wayeyithathile ityesi kaThixo eKiriyati-yarim waya nayo kuloo ndawo wayeyilungiselele yona, njengoko wayeyimisele intente eJerusalem.
5 Kodwa lona iqonga lamadini lobhedu elalenziwe nguBhezaleli unyana kaUri unyana kaYuri laliseseGibheyon phambi kwesibingelelo sikaNdikhoyo. Ngoko ke uSolomon nebandla elo babuzisa kuNdikhoyo khona apho.
6 Ewe, uSolomon waya kuNdikhoyo kwelo qonga lobhedu apho esibingelelweni sokuhlangana noNdikhoyo, wanikela kuso apho amadini atshiswayo aba liwaka.
7 Ngobo busuku uThixo wabonakala kuSolomon, wathetha naye wathi: “Cela nantoni na ofuna ndikuphe yona.”
8 USolomon ke uphendule uThixo wathi: “Umenzele ububele obukhulu ubawo uDavide, waza nam lo wandenza ukumkani esikhundleni sakhe.