3 UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.
4 UAbhiya wema kwintaba iZemarayim kwelo leentaba lakwaEfrayim, waza wathi: “Phulaphulani, Jerobhowam nani nonke maSirayeli!
5 Ngaba anazi na ukuba *uNdikhoyo uThixo wakwaSirayeli umbuso wakwaSirayeli wawunikela kwindlu kaDavide nesizukulwana sayo ngomnqophiso wetyuwa oya kuma ngonaphakade?
6 Kambe ke yena uJerobhowam unyana kaNebhati owayeliphakathi likaSolomon unyana kaDavide wasuka wavukelana nenkosi yakhe.
7 Iqedlana leendlavini lasuka langakuye, lachasana noRehobhowam unyana kaSolomon, bamvuyelela kuba eselula, engekabi namava, futhi engekomeleli ukuba abe nokuchasana naye.
8 “Nangoku ke nisazimisele ukuwuchasa umbuso kaNdikhoyo osesandleni sikaDavide nesizukulwana sakhe. Ngenene ningumkhosi omkhulu, futhi ninaloo mathole enziwe ngegolide enawanikwa nguJerobhowam ukuze abe *ngoothixo benu.
9 Andithi na kaloku nabagxotha ababingeleli bakaNdikhoyo abangoonyana baka-Aron kunye nabaLevi, naza nina nazimisela abenu ababingeleli njengezinye izizwe? Kuni nabani na ozihlambulula ngenkunzi yenkomo eselula, kunye nesixhenxe seenkunzi zeegusha, lowo ke uba ngumbingeleli wento engenguye nothixo.