9 Waza ke wamqokelela wonke uJuda noBhenjamin kwakunye namaEfrayim, amaManase, namaSimon awayeze kuma phakathi kwabo; kaloku into eninzi kubo yayimshiyile uSirayeli, yeza kuAsa, yakuqonda ukuba uNdikhoyo uThixo wakhe ungakuye.
10 Ewe, bahlanganisana eJerusalem ngenyanga yesithathu kunyaka weshumi elinesihlanu wolawulo luka-Asa.
11 Ngelo thuba ke benzela uNdikhoyo amadini ngamakhulu asixhenxe eenkomo namawaka asixhenxe eegusha neebhokhwe; mfuyo leyo ke yayingamaxhoba ababuya nawo.
12 Bazibophelela kumnqophiso wokufuna uNdikhoyo uThixo wooyise ngomxhelo wabo wonke nangomphefumlo wonke.
13 Ke bona bonke ababengazimiselanga ukumfuna uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bamiselwa ukubulawa, omdala nomncinci, oyindoda nongumfazi.
14 Bafunga phambi koNdikhoyo, baduma batsho ngentswahla namaxilongo nezigodlo.
15 Wonke uJuda wasithakazelela eso sifungo kuba wayesenze ngomxhelo wakhe wonke. UThixo bamfuna ngolangazelelo, baza ke bamfumana. Ngoko ke uNdikhoyo wabaphumza ngeenxa zonke.