20 Umbingeleli omkhulu uAzariya nabanye ababingeleli abo bathe bakumkhangela babona ukuba uneqhenqa ebunzi; ngoko ke bakhawuleza bamkhuphela ngaphandle. Ewe, naye ngokwakhe wayeselekungxamele ukuphuma, kuba kaloku uNdikhoyo wayemvelele ngesohlwayo.
21 Ke kaloku ukumkani u-Uziya wathiwa nca lelo qhenqa, wada wasweleka. Wayehlala endlwini yakhe yedwa ngenxa yelo qhenqa, engenakungena nasendlwini kaNdikhoyo. Unyana wakhe uYotam waba libamba apho ebhotwe, yanguye obalawulayo abantu belizwe elo.
22 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaUziya, ukusukela ekuqaleni kude kuye esiphelweni, nâzo kwingcombolo yomshumayeli uIsaya unyana ka-Amozi.
23 U-Uziya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kufuphi nabo kumhlaba wokungcwaba owawungowookumkani, kuba abantu besithi: “Kaloku ebeneqhenqa.” Unyana wakhe uYotam wangena esikhundleni sakhe.