1 UHezekiya wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu ukungena kwakhe ebukhosini, waza walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amabini anethoba. Unina yayinguAbhiya intombi kaZakariya.
2 Njengoyise-mkhulu uDavide naye wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.
3 Ngenyanga yokuqala yonyaka wakhe wokuqala ekulawuleni, wayivula indlu kaNdikhoyo, wawahlaziya amasango ayo.
4 Ababingeleli nabaLevi wabaqokelela kwinkundla esempuma, wathetha nabo,