17 Kambe ke bona abantu bathi rhoqo ukwenza amadini kwiindawo eziphakamileyo zonqulo, kodwa bewenzela uNdikhoyo uThixo wabo.
18 Ke kaloku ezinye zeziganeko zolawulo lukaManase, kunye nomthandazo wakhe kuThixo wakhe, namazwi awathethwa ngabashumayeli kuye egameni likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
19 Ewe, umthandazo wakhe nendlela awachukumiseka ngayo uThixo sisikhungo sakhe, ndawonye nazo zonke izono zakhe nokunganyaniseki kwakhe, nezo ndawo wazakha kuzo iindawo eziphakamileyo zonqulo, nalapho wazimisa khona iintsika zika-Ashera kwanemifanekiso eqingqiweyo, ngaphambi kokuzithoba kwakhe, yonke loo ngcombolo ibhaliwe kwiinkcukacha zeembongi.
20 UManase ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwibhotwe lakhe. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uAmon.
21 Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anesibini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke waba ngukumkani iminyaka emibini eJerusalem.
22 KwanjengoManase uyise naye wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. UAmon wayeyenzela amadini ayinqule yonke imifanekiso eyayenziwe nguyise uManase.
23 Yena zange azithobe phambi koNdikhoyo njengoko wenjenjalo uyise uManase; ndaweni yoko wasuka walandisa ityala lakhe.