6 Kananjalo wenza nezitya zokuhlambela zalishumi, isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, esinye isihlanu wasibeka ngasentla. Apho kuzo kwakuza kuhlanjwa izinto zokwenza amadini atshiswayo; kodwa ke apho echibini kwakuza kuhlamba ababingeleli.
7 Wenza neziphatho zezibane zegolide ezilishumi, ezenza ngokwemilinganiselo yazo; waza ke wazibeka apho endlwini kaThixo. Isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, waza esinye isihlanu wasibeka kwicala langasentla.
8 Kwakhona wenza neetafile zalishumi, wazifaka apho endlwini kaThixo, ezintlanu ngasezantsi, ezintlanu ngasentla. Kananjalo wenza neendebe zegolide zokufefa zalikhulu.
9 Waza ke wenza nenkundla yababingeleli, kunye nenkundla enkulu, neengcango zenkundla. Zona wazityabeka ngobhedu.
10 Ichibi elo walibeka kumazantsi-mpuma endlu kaThixo.
11 Kananjalo wenza iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Ngoko ke uHuram wawugqiba umsebezi awayewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:
12 Yayiziintsika ezimbini;iintloko ezimbini ezibusitya zezo ntsika;amatyathanga alukiweyo amabini ahombise ezo ntloko zimbini zezo ntsika;