5 Apha phantsi kwelanga kukho ububi endibubonileyo,impazamo eyenziwa ngophetheyo.
6 Izikhundla ezininzi eziphezulu zinikwa izityhakala,zize ke zona izityebi zinikwe ezisezantsi.
7 Ndiwabonile amakhoboka ekhwele amahashe,kodwa zona izikhulu zibhadaza ngeenyawo ngathi ngamakhoboka.
8 Umntu owomba umngxuma usenokweyela kuwo;otyhoboza eludongeni usenokulunywa yinyoka.
9 Umntu owomba amatye usenokwenzakaliswa ngawo,nocanda iinkuni usenokuba sengozini.
10 Xa izembe libuthuntu, lingalolwanga,kufuneka ubethe ngamandla ngalo.Kodwa ke bubuchule into enika impumelelo.
11 Inyoka kufuneka ilalaniswe ngaphambi kokuba imlume umntu,kuba xa seyimlumile akusancedi lutho kumlalanisi wayo.